Kwakufanele ukuba balwile ngoMatshi, kodwa ukwenzakala kukaYamkela Phaliso kwabangela ukuba abaququzeleli bomlo baxoze mphini wumbi ukuze uZolisa Batyi azokufumana umlo.
Lentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba yaphela isilwa noLucky Hobyane eyamnqumamisa kumjikelo wesibhozo e-Orient Theatre, eMonti, ngoMatshi. Ekugqibeleni, uBatyi uzakulwa noPhaliso e-Orient Theatre ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye ku-Agasti.
“Ewe, sizifumene izivumelwano zemilo. Lomlo uzakungo-Agasti,” uqinisekise watsho uBaba ‘Babes’ Makala, ongumlawuli kaBatyi.
UBatyi uzakube ekhusela intshinga yakhe isihlandlo sesithathu njengokuba wayiphumelela mhla ngamini enqumamisa uJeff Magagane kumjikelo wesibini eNgoako Ramatlhodi Sports Complex, eSeshego, ePolokwane, ngoDisemba 2022.
UBatyi wadlala ngokulingana ngamanqaku no-Abdul-Aziz Kunert ngethuba ekhusela okokuqala kumlo owawubanjelwe eCape Peninsula University of Technology (CPUT), eBellville, eKapa, ngo-Agasti kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo