Unexeshana nje elingaphantsana kweenyanga ezimbini eyintshatsheli yoMzantsi Afrika, kodwa uNkosingiphile Sibisi waKwaZulu-Natal sele eyalelwe yiBoxing South Africa (BSA) ukuba akhusele intshinga yakhe yosiba awayiphumelela ekuthambekeni kukaMatshi.

USibisi, osele eyiphumelele yosixhenxe imilo yakhe nemibini awayiphumelela ngokunqumamisa amadoda, waphumelela lentshinga yoMzantsi Afrika emva kokubetha uTrevor Nghonyama ngamanqaku e-Estcourt. 

Iindaba zokokuba uSibisi uyalelwe ukuba akhusele isithsaba sakhe zingqinwe kwi- Ink Sport ngumlawuli kaBSA KwaZulu-Natal uMike Dube. 

USibisi noNghonyama balwela lentshinga eyashiyeka ingenamntu emva kokuba uJackson ‘M3’ Chauke waphumelela isithsaba se-International Boxing Organisation (IBO) ebetha uQuaise Khademi eLondon, eNgilane, ekuzeni kuphela kukaJanyuwari kulonyaka. 

Kungoku nje abaphathi bakaTheo Nxayiphi, oziqeqesha e-All Winners Boxing Club eMdantsane nobekwa kwindawo yokuqala eMzantsi Afrika, sele becele umngeni kuSibisi, onikwe ukuba akhusele lentshinga engaphelanga uJuni. 

UNxayiphi, ophumelele imilo esibhozo, ebethwa kwemithathu waze wabambana kwemithathu, ubethe uLutho Gungutho ngamanqaku kumlo wakhe wokugqibela owawubanjelwe eWhittlesea Multipurpose Hall, eSada, ngoDisemba. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php