Umcimbi wemali ngomnye wemicimbi ephambili nebalulekileyo ezakujongwa yibhodi entsha kaBoxing South Africa (BSA) kwilinge lokuzisa uzinzo kumanqindi elilizwe.
Le yenye yezinto ezithethwe ngusihlalo webhodi kaBSA kwiiyure ezimbalwa emva kokutyunjwa kwakhe nguMphathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa emva kwemini ngoLwesibini.
UShongwe ukhokela ibhodi enamalungu asixhenxe aquka uGqirha Koketso Tsebe, uLuxolo September, uSakhiwe Sodo, uNande Mheshe, uRomy Titus noGqirha Luvuyo Bayeni.
“Siyavuya kuba yonke lento iqoshelisiwe. Ndicinga ukuba uMphathiswa uziphethe ngokuncomekayo. Wenze kakuhle ngokuyiqala ngokutsha yonke lenkqubo ngaphambi kokuthabatha isigqibo,” utshilo uShongwe.
UShongwe woleke ngelithi: “Sidinga ukuza nesisombululo kumcimbi ojongene nenkxaso-mali, nto ke leyo engafunqula inani leetumente. Singafunqula nenani lemilo yeembethi-manqindi. Sinabathelekisi abangaphaya kwamashumi asixhenxe, kodwa bangaphantsi kwamashumi amabini abenza iitumente. Kufuneka sifumane inkxaso-mali ukuze zizokubaninzi iitumente.”
Lebhodi inoxanduva olukhulu lokuthabatha amanqindi oMzantsi Afrika iwabeke endaweni ephakamileyo emva kweminyaka yokufeda kwebhodi eyaphuma kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo