Uzakubanjelwa eRhawutini ngoJulayi umlo wokuzibekela indawo kumlo wentshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi losiba phakathi kukaLerato ‘Lights Out’ Dlamini no-Arnold Khegai wase-Ukraine. 

UMgqibelo umhla weshumi elinesithathu kuJulayi ubekwe njengomhla apho uDlamini azakulwa khona noKhegai emva kokuba iPremier Boxing Champions (PBC) yaphumelela kwifandesi yokwenza lomlo, ekwakucingeleka ukuba uzakubanjelwa eMelika.

“Sisifumene isivumelwano sisuka kuTom Brown wePBC, kwaye uLerato sele esityikityikile, wasithumela. Ndilindele uKhegai atyikitye isivumelwano. Ubekelwe kude kubengomso (NgoLwesine),” utshilo umqeqeshi nomlawuli kaDlamini, uColin ‘Nomakanjani’ Nathan. 

IPBC yaphumelela ifandesi emva kokubeka etafileni i-$71 000 (malunga nesigidi esinamakhulu amathathu amawaka), nto ke leyo ethetha ukuba uDlamini waseWelkom, eFreystata, uzakufumana i-$53 250 (R978 540,65), logama uKhegai uzakugoduka ne-$17 750 (R326 180,22). – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php