UJackie Brice uchaze umlo phakathi kukaThembani ‘Baby Jake’ Mbangatha no-Abdul-Aziz Kunert njengomlo ekukudala unqwenelwa luluntu lwamanqindi eKapa, kwaye yiyo lonto kanye ebangele ukuba abathelekise.

UMgqibelo umhla wamashumi amabini anethoba lusuku apho uBrice weJackie Brice Boxing Promotions alubekele bucala njengemini ezizakulwa ngayo ezimbethi-manqindi zimbini nezakhe zazama ukuphumelela iintshinga zoMzantsi Afrika.

“Umlo okukudala ulindelwe phakathi kukaBaby Jake noKunert uzakwenzeka ngomhla wamashumi amabini anethoba kuJune. Izakuba ngumlo okudidi lwejunior-light. IKapa liwulinde iminyaka emibini lomlo,” ubhengeze watsho uBrice.

“Ndicinga ukuba bobabini bafikelele ngasesiphelweni emanqindini. Kunjalo basekhona kumanqwanqwa oMzantsi Afrika, kodwa balwela intshinga yoMzantsi Afrika, bawa phantsi. Ngoku yonke into ingokuqhayisa ngokuba ngubani na ophambili eKapa.” 

Inzalelwane yakuQumbu eMpuma Koloni nezinze eKapa, uMbangatha wacela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight, wabethwa ngu-Asanda Gingqi eMonti ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.

Kwelinye icala, uKunert wacela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba, kodwa awa phantsi omabini amalinge akhe. Wabethwa nguGingqi ngoSeptember 2021, waze wabambana ngamanqaku nentshatsheli uZolisa Batyi ngo-Agasti kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php