Aya ekhula amathuba omlo phakathi kukaLerato ‘Lights Out’ Dlamini nembethi-manqindi yaseJapan uTomoki Kameda kwilinge lokuzibekela indawo kumlo wentshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi losiba. 

Oku kulandela emva kokuba u-Arnold Khegai wase-Ukraine erhoxile kumlo noDlamini, mlo lowo obuzakubanjelwa eRhawutini ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu kuJulayi.  

Njengokuba uKhegai esukile endleleni nje, uKameda, obekwa kwindawo yesine, nguye ekufanele alwe noDlamini, osuka eWelkom, eFreystata.  

“Sikwindawo entle kakhulu ngoku, kwaye ivakala kamnandi kakhulu into yokuya eJapan nabagwebi abangenacala ukuba uKameda uyavuma nothethathethwano luhamba ngendlela,” utshilo umqeqeshi nomphathi kaDlamini uColin ‘Nomakanjani’ Nathan. 

UDlamini wabetha uKameda, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, ngamanqaku kumlo owawubanjelwe eJapan ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo.

Enyanisweni, uDlamini noKameda babezakulwa ngoMatshi kulonyaka. Lomlo lowo awuzange ubekho emva kokuba i-IBF yayalela ukuba uDlamini alwe noKhegai ukuzibekela indawo kumlo wokulwela intshinga yehlabathi. – Monwabisi Jimlongo  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php