UMandla Ntlanganiso ukulungele ukusebenzisana nebhodi entsha kaBoxing South Africa (BSA) ebhengezwe nguMphathiswa weZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uZizi Kodwa ngoLwesibini kuleveki ephelileyo.
Ukutyunjwa kwalebhodi enamalungu asixhenxe, akhokelwa ngusihlalo uSifiso Shongwe, osebenza kunye noGqirha Koketso Tsebe, uLuxolo September, uSakhiwe Sodo, uNande Mheshe, uRomy Titus noGqirha Luvuyo Bayeni, kuthetha ukuba uNtlanganiso wehlile kwisikhundla sokuba ligunya eliyintloko.
“Egameni labaphathi nabasebenzi bakwaBoxing SA, sijonge ekusebenzisaneni nani, kwaye sithemba ukuba esi sisiqalo esitsha ekulungiseni izinto nembonakalo kaBoxing South Africa,” utshilo uNtlanganiso, oyingqonyela ebambeleyo kwaBSA.
“Ukutyunjwa kwenu kuzisa ithemba nochulumanco emanqindini. Kudala sililindile elithuba. Ngoku kufuneka sibhinqe omfutshane, sakhe umdlalo wethu esiwuthandayo, siwubuyisele kwindawo yesibini kwelilizwe njengokuba kwakunjalo ngaphambili.”
UNtlanganiso, owaqala ukusebenza kwaBSA njengegosa lezemisebenzi ngoJanyuwari 2022, ubulele uKodwa ngokutyumba ibhodi.