U-Oleksander Usyk wase-Ukraine wenze imbali emanqindini njengokuba ebeyintshatsheli engaphikiswayo kudidi lwanzima emva kokubetha uTyson Fury ngamanqaku eKingdom Arena, eRiyadh, kwelaseSaudi Arabia, ngentseni yangeCawa. 

U-Usyk wongeze intshinga yeWorld Boxing Council (WBC) kwiibhanti zakhe zeWorld Boxing Association (WBA), International Boxing Federation (IBF) neWorld Boxing Organisation (WBO). 

Lommi wase-Ukraine yimbethi-manqindi yokuqala ukuba yintshatsheli engaphikiswayo kudidi lwanzima kususela mhla uLennox Lewis wabetha u-Evander Holyfield ngo-1999. 

Sibuyele kulomlo, kukhe kwakho ixesha kubonakala ngathi uFury uyaphumelela de u-Usyk wabuya ngamandla kumjikelo wesibhozo. U-Usyk ubethe uFury ngemvula yamanqindi, wamwisa kumjikelo wethoba.

Ukususela ngoko, u-Usyk ubezenzela, efake uFury ngaphantsi koxinezelelo kwindlela yakhe yokuphumelela ngokwamakhadi abagwebi ababini. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php