Njengokuba uChristian ‘The Bomb’ Araneta, owonzakeleyo, engazokulwa iinyanga ezintandathu, kuyakucaca ke ngoku ukuba ummi waseJapan uMasamichi Yabuki ngahle ibenguye ozakucela umngeni kwintshinga yehlabathi kaSivenathi ‘Special One’ Nontshinga.

UNontshinga, oyintshatsheli ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight, wayeyalelwe ukuba akhusele ku-Araneta. Kodwa oko akusayikuze kwenzeke njengokuba lembethi-manqindi yasePhilippines yonzakele kwingalo yasekhohlo. 

Njengokuba u-Araneta esukile endleleni, uYabuki, owayeyinjinga yeWorld Boxing Council (WBC) kudidi lwejunior-flyweight, kujongwe kuye njengokuba ekwindawo yesibini kumanqwanqwa e-IBF. 

“Okwangoku ndisajongene nomcimbi womlo kaDlamini (Lerato). Ndizakujongana nomcimbi kaNontshinga emva koko,” utshilo umqeqeshi nomlawuli kaNontshinga uColin ‘Nomakanjani’ Nathan.

UYabuki wayeyinjinga yeWBC phakathi kukaSeptember 2021 noMatshi 2022 emva kokunqumamisa uKenshiro ‘The Amazing’ Teraji. Kodwa uTeraji wabuyisa izitya enqumamisa uYabuki ngoMatshi 2022.

Kusenjalo, uYabuki, oneminyaka engamashumi amathathu ananye nozinze eNagoya, uphumelele imilo elishumi elinesithandathu, enqumamise amadoda alishumi elinesihlanu, wabethwa izihlandlo ezine, enqunyanyiswe kabini. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php