Inzalelwane yakuQumbu eMpuma Koloni nezinze eKapa uThembani ‘Baby Jake’ Mbangatha ukholelwa ukuba bekufanele ukuba kudala walwa no-Abdul-Aziz Kunert, owakhe wazama ukuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika.  

UMbangatha, osebenza njengonongqayi eKapa, uzakulwa noKunert ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anethoba kuJuni, kumlo ozakubonisa ukuba yeyiphi na imbethi-manqindi ephambili phakathi kwabo.  

“Okokuqala, ndiyalibulela elithuba, ingakumbi njengokuba usenzeka nje lomlo. Ndiyavuya, ndichwayitile. Lomlo uthetha lukhulu, hayi kuthi zimbethi-manqindi kuphela, nkqu kwiNtshona Koloni yonke. Bekufanele ukuba kudala wenzeka lomlo, kwango-2020,” utshilo uMbangatha.  

Bobabini uMbangatha noKunert bakhe balifumana ithuba lokulwela intshinga yoMzantsi Afrika, kodwa aphanza amalinge abo. UMbangatha wabethwa ngu-Asanda Gingqi kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight eMonti ngoDisemba wonyaka ophelileyo.  

Kwelinye icala, uKunert wafumana ithuba lokulwela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba izihlandlo ezimbini. Wabethwa nguGingqi eRhawutini ngoSeptemba 2021, waze wabambana ngamanqaku nentshatsheli uZolisa Batyi eBelville, eKapa, ngo-Agasti kulonyaka ophelileyo.   

“Omnye nomnye wahamba indlela yakhe. Safumana amathuba. Ekugqibeleni, lide lafika ixesha. Ndiyathembisa ukuba izakuba ngumlo otakisa iintlantsi. Eli lixesha lokokuba ndibonakalise ukuba ndim, ndim apha eNtshona Koloni koludidi,” utshilo uMbangatha. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php