Kuzakuliwa njengokuba uTomoki ‘El Mexicanito’ Kameda waseJapan evumile ukuvana amandla noLerato ‘Lights Out’ Dlamini kwilinge lokuzibekela indawo kumlo wentshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi losiba. 

I-IBF iyalele ezimbethi-manqindi zimbini ukuba zilwe emva kokurhoxa kuka-Arnold Khegai kumlo noDlamini. Lomlo lowo ubuzakunjelwa eRhawutini ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu kuJulayi.

Iindaba zokokuba uKameda, owazalelwa e-Osaka kwelaJapan, uvumile ukulwa zidizwe ngumqeqeshi nomlawuli kaDlamini uColin ‘Nomakanjani’ Nathan ngoLwesine. 

Kwaye kubonakala ngathi lomlo uzakubanjelwa eShiga kwelaseJapan ngeCawa umhla wamashumi amabini anesibhozo kuJulayi.

Ophumeleleyo kulomlo uzakucela umngeni kwintshinga ye-IBF kudidi losiba, ntshinga leyo ephethwe nguLuis Alberto Lopez Vargas waseMexico. 

Kusenjalo, lomlo uyimpinda emva kokuba uDlamini waseWelkom, eFreystata, wabetha uKameda ngamanqaku eJapan ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php