Owayeyitshatsheli yoMzantsi Afrika u-Azinga ‘Golden Boy’ Fuzile waseDuncan Village, eMonti, usekhona kumacebo okulwiswa kwitumente yeGolden Gloves. 

Kwaye umqondisi olawulayo kwiGolden Gloves uRodney Berman uveze ukuba uFuzile, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba, uzakuba yinxalenye yetumente yakhe kwiinyanga ezintathu ezizayo. 

“Ingxaki kukuba uFuzile wayemisiwe, nto ke leyo endandingayazi mna. Kodwa akasamiswanga ngoku. Sele ndilugqibile uluhlu lweembethi-manqindi ezizakulwa ngo-Agasti, kwaye ndizakwenza uhlengahlengiso ukuze naye azokulwa,” utshilo uBerman.

INew York State Athletic Commission (NYSAC) yammisa uFuzile emva kokubethwa kwakhe nguKenichi Ogawa waseJapan kumlo wentshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-lightweight eMadison Square Garden Theatre ngoNovemba 2021.

UFuzile, oqeqeshwa yintshatsheli yamhlamnene kudidi lwempukane uMakazole Tete e-All Winners Boxing Club eMdantsane, wabetha u-Emmanuel Amos Stephano waseTanzania eWhittlesea Multipurpose Hall, eSada, ngoDisemba kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php