Imbethi-manqindi yaseZimbabwe uBeaven Sibanda uzakunikwa ithuba lokulwa nentshatsheli yoMzantsi Afrika ne-African Boxing Union (ABU) kudidi lweminimumweight uSiyakholwa Kuse ukuba uwuphumelele umlo wakhe noSiphamandla Baleni kulenyanga ezayo.
Oku kuthethwe nguMlandeli Tengimfene, ungumlawuli kaKuse, njengokuba uSibanda ezakulwa noBaleni kwimijikelo esibhozo e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoMgqibelo umhla weshumi elinesihlanu kuJuni.
Ekuqaleni, uSibanda wayezakulwa noKuse, kodwa yarhoxa kulomlo lembethi-manqindi eyinzalelwane yaseMdantsane.
“Intle yona into yokokuba uSibanda ulwa noBaleni, osendaweni kumanqwanqwa ehlabathi. Makaphumelele ukuze afumane indawo kumanqwanqwa ehlabathi. Sizakumnika ithuba lokulwa nathi emva koko,” utshilo uTengimfene.
“UKuse akamoyiki uSibanda. Ebewufuna lomlo. Ndala kuba uSibanda akananto ayiphetheyo esingathi siyayifuna, logama uKuse eneebhanti ezimbini. Enyanisweni, noBaleni sizakumnika ithuba lokulwa nathi ukuba uphumelele.”
UBaleni, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight nolwejunior-flyweight, ubekwa kwindawo yeshumi elinesihlanu yiWorld Boxing Council (WBC), logama uSibanda, ongekabethwa, engekho yena. – Monwabisi Jimlongo