Emva kokufeda ukufumana imilo ukususela ngoDisemba 2022, ngelingeni uGcina Makhoba ude wawufumana umlo njengokuba ezakulwa noGenisis Libranza wasePhiliplines kulenyanga ezayo.
ULibranza uzakube endwendwela eMzantsi Afrika okokuqala phantse kwisithuba sonyaka njengokuba wayelapha ngo-Agasti wonyaka ophelileyo.
Wabethwa nguPhumelela ‘The Truth’ Cafu kumlo wentshinga eyayingenamntu kwi-International Boxing Federation (IBF) Intercontinental kudidi lwejunior-bantamweight e-Orlando East, eSoweto.
UMakhoba uzakube ekhusela intshinga yakhe yeWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwejunior-bantamweight xa esilwa noLibranza ngeCawa umhla wamashumi amathathu kuJuni.
“Ewe, sizakulwa nembethi-manqindi yasePhilippines. Sizakube sikhusela intshinga yethu yeWBF. UMakhoba usebenza nzima kakhulu ukuqinisekisa ukuba siyikhusela ngempumelelo intshinga yethu,” uqinisekise watsho uSanele ‘Bhunu’ Mthalane, ongumqeqeshi kaMakhoba.
UMakhoba uphumelele imilo elithoba, wabethwa komnye, waphinda wadlala ntanganye komnye, logama uLibranza ephumelele izihlandlo ezingamashumi amabini ananye wabethwa kwimilo emithathu.
UMakhoba, oyinzalelwane yaseDundee, wagqibela ukulwa ngethuba ebetha uRobert Paradero wasePhilippines eDundee ngoDisemba 2022. – Monwabisi Jimlongo