Imbethi-manqindi yaseMpuma Koloni uTheo Nxayiphi uzakulwela ekhaya xa ecela umngeni kwintshinga yodidu lwempukane eMzantsi Afrika kumlo nentshatsheli uNkosingiphile Sibisi waKwaZulu-Natal.

UNxayiphi uzakungquzulana noSibisi, owaphumelela lentshinga yoMzantsi Afrika emva kokubetha uTrevor Nghonyama ngamanqaku e-Estcourt ngoMatshi.

USibisi, ophantsi kweHlula Dladla Boxing Promotions kaHlulukwenza Dladla, ebesele eyalelwe yiBoxing South Africa (BSA) ukuba akhusele intshinga yakhe. 

“Ndiye ndanxibelelana nenkampu kaSibisi, ndathetha noDladla, ongumthelekisi wakhe. Uvumile ukuba wayifumana imbalelwano, waze wacela ukuba siwenze ngokwethu lomlo,” utshilo uMlandeli Tengimfene, ongumlawuli kaNxayiphi. 

“Yonke into isezandleni zethu ngoku, kwaye kufuneka sithethe nentshatsheli malunga nesikubeka etafileni yayo. Lomlo sizakuwubambela apha eMonti phaya ngoJulayi okanye ekuqaleni kuka-Agasti. Kumnandi kakhulu ukubona ukuba bazimisele ukusebenzisana nathi.”

UNxayiphi uphumelele izihlandlo ezisibhozo, wabethwa kathathu, waphinda walwa ngokulingana kathathu, kwaye ubethe uLutho Gungutho ngamanqaku kumlo wakhe wokugqibela eWhittlesea Multipurpose Hall, eSada, ngoDisemba. Ukanti, uSibisi uyiphumelele yonke imilo yakhe esixhenxe, enqumamise amadoda amabini. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php