Kubonakala ngathi ngelingeni uzakude ubekhona umlo phakathi kukaMzuvukile ‘Old Bones’ Magwaza nentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu. 

Bobabini uMagwaza, owazalelwa eDuncan Village, noMahlangu waseBoipatong bazityikityile izivumelwano zomlo, bazibuyisela kumthelekisi uDavid Faas weDavid Faas Productions. 

Lomlo ophakathi kukaMagwaza noMahlangu ucetyelwe uJulayi ukuba ikomiti evuma imilo kwaBoxing South Africa (BSA) iyawuvuma. 

“Sisifumene isivumelwano somlo, kwaye sisityikityile. Esisivumelwano sithi lomlo uzakuba ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kuJulayi,” uqinisekise watsho uMagwaza, obekwa kwindawo yesithathu kudidi lwejunior-featherweight. 

Ekuqaleni, uMahlangu wayetyikitye isivumelwano somlo okwakuthiwe uzakuba ngeCawa umhla wamashumi amabini anesithandathu kuMeyi. Lomhla womlo watshintshelwa kuJulayi emva kokulibaziseka kukaMagwaza ekutyikityeni isivumelwano somlo. 

Bobabini uMagwaza noMahlangu, oneminyaka engamashumi amane anesine, bazakulwa okokuqala kulonyaka njengokuba bagqibela ukulwa ngo-Okthobha wonyaka ophelileyo. 

UMagwaza wabethwa ngummi waseMexico uBryan Mercado Vasquez eFresnillo kwelaseMexico. UMahlangu waphulukana nomlo owawuxoxisa kakhulu ngethuba ebethwa yimbethi-manqindi yaseTanzania uFadhili Omari Majiha eDar-Es-Salaam, eTanzania. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php