Umqeqeshi weBafana Bafana uHugo Broos ubhengeze iqela elinabadlali abangamashumi amabini anesithathu ngoLwesine kanye ngaphambi kwemidlalo yemfezeko yeNdebe yeHlabathi yango-2026, midlalo leyo ezakudlalwa neNigeria neZimbabwe.  

Eliqela licuthwe langabadlali abangamashumi amabini anesithathu lisuka kubadlali abangamashumi amathathu anesithandathu, kwaye iBafana izakutyelela e-Uyo kwelaseNigeria, eNtshona Afrika, apho izakudlala khona neeSuper Eagles ngoLwesihlanu umhla wesixhenxe kuJuni. 

Kwiintsuku ezine emva koko, amakhwenkwe kaBroos azakunyathelana neeWarriors zaseZimbabwe komnye umdlalo wemfezeko eFree State Stadium, eBloemfontein.

Ifolosi yeBurnley FC uLyle Foster, owayengazange abekho kwitumente ye-2023 Africa Cup of Nations e-Ivory Coast ebutsheni balonyaka, ubuyele kwiqela leBafana.

Nali eliqela:  

Ronwen Williams, Ricardo Goss, Veli Mothwa, Nyiko Mobbie, Khuliso Mudau, Siyabonga Ngezana, Nkosinathi Sibisi, Mothobi Mvala, Grant Kekana, Thapelo Morena, Aubrey Modiba, Teboho Mokoena, Bathusi Aubaas, Sphephelo Sithole, Jayden Adams, Themba Zwane, Patrick Maswanganyi, Elias Mokwana, Percy Tau, Oswin Appollis, Iqraam Rayners, Lyle Foster, Relebohile Mofokeng

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php