Intshinga yodidi lwempukane eMzantsi Afrika ayikakhuselwa nokukhuselwa, kodwa sele kukho imbethi-manqindi ephakamise isandla isithi ifuna ukulwa nozakuphumelela kumlo ozayo wokukhusela lentshinga.

Umqeqeshi wamanqindi ozinze eRhawutini uShannon Strydom uceba ukuthumela imbethi-manqindi yakhe uSamkelo Frank Sotomela ukuba acele umngeni kozakuphumelela phakathi kwenjinga yoMzantsi Afrika uNkosingiphile Sibisi nomcelimngeni uTheo Nxayiphi. 

“Ngo-Agasti, uFrank uzakulwa kumlo owandulela owentshinga. Sele ndithethile noColin (Nathan) kunye noBoxing5. Nabani na ophumelelayo, siyamfuna, sifuna ukulwa naye,” utshilo uStrydom. 

USotomela waseMthatha wanqumamisa uThabang Ramagole kumjikelo wesine kumlo owawubanjelwe eBox Camp eBooysens, eRhawutini, ebutsheni balenyanga. 

Ebekwa kwindawo yesihlanu kudidi lwempukane eMzantsi Afrika, uSotomela uphumelele imilo emithandathu ngokulandelelana emva kokubethwa nguPhumlani Maloni ngo-Epreli 2018. 

“Injongo yethu ibikukulwela intshinga yoMzantsi Afrika ukususela mhla ndaqala ukuqeqesha uFrank. Ekugqibeleni, kubonakala ngathi siyasondela apho,” utshilo uStrydom.

“Siwabethile amadoda amathandathu. Simnqumamisile uRamagole, onamava. UFrank uziqeqesha yonke imihla. Ulambe kakhulu kunakuqala. Ngethemba lokokuba ngoDisemba okanye ngoJanyuwari 2025 sizakulwela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane. Uzakubayintshatsheli yoMzantsi Afrika,” utshilo uStrydom. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php