Umthelekisi wamanqindi ozinze eKapa uByenda Allen Chizungu utyholwa ngokwenza izinto ngendlela engeyiyo njengokuba ehlawulisa iimbethi-manqindi ukuze zilwe kwiitumente zakhe.
UJose Kadima waseDemocratic Republic of Congo (DRC) untingele eKapa esuka eThekwini eyokulwa noDidier Nyembwe kumlo wodidi lwanzima.
UKadima uye waxelelwa ngaphambi koyokukhwela esikalini ukuba uNyembwe ugaxeleke kwingozi yenqwelo-mafutha.
“Ndiye ndahlawula amatikiti enqwelontaka kunye nendawo yokulala. Ndaphinda ndahlawula imali yembethi-manqindi. Emva kokuva ukuba umlo uchithiwe, ndiye ndaqinisekisa ukuba iyabuya imali,” utshilo uSean McMinnie, ongumqeqeshi nomlawuli kaKadima.
“Ngokucacileyo, iindleko zenqwelontaka nendawo yokulala bekufanele ukuba zibuyekezwe. Kodwa ke uyayazi ukuba banjani na ababantu.”
Ubuncinane zingaphaya kwesithandathu iimbethi-manqindi ezixelele i-Ink Sport ukuba ziye zahlawula ukuze zikwazi ukulwa kwitumente kaChizungu.
Kodwa ke, uChizungu uphike wama ngomlenze omnye, esithi akukho zimbethi-manqindi ezihlawulele ukulwa kwiitumente zakhe.
“Ngenene, andiyazi ukuba bathetha ngantoni na. Bandihlawule njani? Ayikho into enjalo,” utshilo uChizungu.
“UDidier undixelele ebusuku ngoLwesine ukuba uye wagaxeleka kwingozi yenqwelo-mafutha. Kungobabusuku obuphambi kokuya esikalini.”
Okunikisa umdla kukuba uNyembwe ngomnye wabantu ebebekulatumente ngokuhlwa kwangoMgqibelo, kwaye kukho amarhe athi akakhange agaxeleke kwingozi yenqwelo-mafutha.
“Andikhange ndimbone. Ndicinga ukuba andikhange ndimbone ngenxa yokokuba baninzi abantu ebebekulatumente,” utshilo iChizungu.
Kusenjalo, zintandathu iimbethi-manqindi zaseMzantsi Afrika – uSandiso Centane, u-Asavela Peter, uMava Sitoto, uLukhangele Jamjam, u-Ayabulela Mngxuma noNazrullah Nazier – ezilwileyo kwezilishumi elinesine ezilwe kulatumente. – Monwabisi Jimlongo