Imbethi-manqindi engekabethwa uKaine “K9” Fourie uzakulwa noSiseko Makeleni kwitumente yeBoxing 5 eBox Camp, eBooysens, eRhawutini ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu kuJulayi.
UFourie, ophumelele imilo esixhenxe, walwa ngokulinganayo kwemibini, kunye noMakeleni balwela intshinga engenamntu kwi-International Boxing Federation (IBF) Continental Africa kudidi lwelightweight.
UFourie, oneminyaka engamashumi amabini anesibini, uqeqeshwa nguGert Strydom eRhawutini.
“Wenza imimangaliso njengokuba eziqeqesha nje, kwaye uya ebamhle ngokubamhle. Ndibona umahluko nenkqubela phambili enkulu. Uziqeqesha namakhwenkwe amakhulu, kwaye uziphethe kakuhle,” utshilo uStrydom.
Kusenjalo, yiletumente enye apho intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwanzima uShaun Potgieter ezakuvana amandla khona noMusa Ajibu waseMalawi kwimijikelo esibhozo.