Owayesakuba yimbethi-manqindi uNceba Dladla udize ukuba lufikelele esiphelweni uhambo lwakhe njengomlawuli kaBoxing South Africa (BSA) kwingingqi yeNelson Mandela Bay.
UDladla, owayengumfundisi ntsapho, wathabatha esisikhundla sokuphatha kwingingqi yeNelson Mandela Bay emva kokusweleka kukaMtunzi Mapitiza kwiminyaka emihlanu eyadlulayo.
“Oku kukunazisa ukuba isivumelwano sam sengqesho noBSA njengomlawuli eGqeberha sifikelele esiphelweni. Ndikholelwa ukuba undlunkulu uqeshe umntu ozakujonga iGqeberha neBuffalo City njengephondo laseMpuma Koloni,” utshilo uDladla, owayesakuba ngumsasazi kunomathotholo.
“Ndithabatha elithuba ukunibulela ngexesha esabelene ngokuhle nokubi. Uthando lwethu kulomdlalo nokuzinikela kwethu kusincede sakwazi ukuzuza izinto ezinkulu singabanye naxa sidibeneyo. Ndiye ndazuza ulwazi olukhulu ngenxa yamava esabelene ngawo. Ngoko ke, ndimka ndingenakuzisola.”
Kusenjalo, i-Ink Sport sele ilifumene igama lomntu ozakungena kwisikhundla sokulawula uBSA kwiphondo leMpuma Koloni.