Ufafa olude, olubekwa kwindawo yesihlanu eMzantsi Afrika uSinethemba Blom ucela umngeni kuKhaya Busakwe, oyinjinga yeli kudidi lwelightweight.
Umqeqeshi nomphathi kaBlom uLonki Witbooi uxelele i-Ink Sport ukuba zizinto eziliqela ezibenegalelo kwisigqibo sabo sokucela umngeni kuBusakwe.
Into yokokuba uKaine Fourie, okwindawo yokuqala, esilwa nobekwa kwindawo yesithathu uSiseko Makeleni kwintshinga engenamntu kwi-International Boxing Federation (IBF) Continental Africa eRhawutini kulenyanga ezayo yenze salula isigqibo sikaWitbooi.
“Bendilandela iintshukumo kudidi lwelightweight. NgoMgqibelo ndiye ndabhalela uBoxing South Africa ndibuza ngobume bentshinga yoMzantsi Afrika ukuba ingaba intshatsheli inyanzelekile ukuba ikhusele kusini na,” utshilo uWitbooi.
“UBoxing South Africa uye waphendula ngoMvulo esithi inyanzelekile ukuba ikhusele intshatsheli. Kwabe ke kukho nalomcimbi kaKaine ezakulwa nobekwa kwindawo yesithathu uMakeleni, logama uKatlego Khanyisa ehle waya kudidi olungezantsi.
“U-Ayanda Nkosi, okwindawo yesine nongaphezu kukaBlom wabethwa yintshatsheli. Lonto ke iye yashiya uBlom inguye ekufanele kukhuselwe kuye yintshatsheli. Ndiye ndathumela incwadi kuBoxing South Africa egameni likaBlom.”
UBlom ugqibele ukulwa ngethuba enqumamisa uLubabalo Bukuvu kuTsolo Junction Hall, kuQumbu, ngoDisemba. Ukanti, uBusakwe ubethe uShameeg Williams waseKapa ngoDisemba kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo