Umnqweno wokuqhubela phambili nokuphumelela nguwo okhuthaza uShervantaigh Koopman njengokuba ezakulwa noWendy Toussaint waseMelika ngoMgqibelo kuleveki ezayo.

Engekabethwa kwimilo elishumi elinesithathu, uKoopman uzakuvana amandla noToussaint kumlo wentshinga ye-International Boxing Organisation-Intercontinental kudidi lwejunior-middleweight e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni.

“Ngokuqinisekileyo, icebo kukuphumelela yonke imilo. Ayikho imbethi-manqindi elungiselela ukubethwa. Silungiselela ukuba siye emlweni nayo yonke into ukuze sizokuzuza uloyiso,” uphefumle watsho uKoopman.

Enqumamise amadoda alithoba, uKoopman, ofince iminyaka elithoba kulenyanga ephelileyo, uyicacisile into yokokuba yena ujonge ukuyigqiba yonke imijikelo. 

“Ndilungiselela ukuyilwa yonke imijikelo elishumi. Kodwa ke ndiyakuyamkela into yokumnqumamisa. Ngelinye ixesha uye ubone ithuba emlweni, ulisebenzise,” utshilo uKoopman.

UToussaint, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini nowazalelwa kwelaseHaiti, uphumelele imilo elishumi elinesihlanu (unqumamise amadoda asixhenxe), waze wabethwa kwemibini. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php