UPhumelela ‘The Truth’ Cafu ucacisile ukuba uzakuyithi tya intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight njengoko ukulwela intshinga yehlabathi kunikisa umdla kuye.
Ethetha kwinkqubo iTKO Boxing Magazine kuSABC 2 ngokuhlwa kwangoLwesihlanu, uCafu uyibeke yacaca eyona nto ayifunayo kanye njengokuba esandula ukuzibandakanya noColin ‘Nomakanjani’ Nathan waseHot Box Gym, eRhawutini.
“Andingethandi ukuyigcina lentshinga. Ndifuna ukuba yintshatsheli yehlabathi,” uCafu, oyinzalelwane yaseDuncan Village, utshilo kwinkqubo iTKO Boxing Magazine.
Elityendyana elineminyaka engamashumi amabini anesihlanu laphumelela lentshinga yoMzantsi Afrika emva kokuthabatha imizuzwana engamashumi amabini anesithandathu ukunqumamisa u-Enathi Stelle e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.
UCafu ubekwa kwindawo yeshumi elinanye yiWorld Boxing Council (WBC), ulele isixhenxe kwiWorld Boxing Association (WBA), kwindawo yesine kwi-International Boxing Federation (IBF) nakwindawo yesithathu kwiWorld Boxing Organisation (WBO).