Basengxakini abathelekisi abatyala iBoxing South Africa (BSA) izikhuntyu zemali njengokuba ibhodi yeliqumrhu igqibe ekubeni nabani onetyala lemali makahlawule okanye alibale ngokufumana iimpepha zokuthelekisa.

Yinto eyaziwayo ukuba abathelekisi abaphambili kweli baphakathi kwabantu abatyala uBSA imali engaphaya kwezigidi ezintandathu.

UBSA uthe kusasa ngoMvulo: “NgokwePFMA No.1 ka-1999, Section 51 (1) (b) ithi igunya eliyintloko malenze unakho-nakho ukuthabatha amanyathelo okuqokelela imali etyalwa iqumrhu elichaphazelekayo. Kungenxa yalonto ke ibhodi igqibe ekubeni inyanzelise ukuhlawulwa kwemali etyalwa uBoxing SA, kwaye abathelekisi abatyalayo balindeleke ukuba bahlawule amashumi amathathu ekhulwini emali abayityalayo, baphinde benze amanye amalungiselelo  okulihlawula lonke ityala.

“Ngaphaya koko, iPFMA No. 1 ka-1999, Section 51 (1) (d) iqhubela phambili isithi igunya eliyintloko kufuneka lilandele zonke iimfuno zerhafu, imali esisicelo esinyanzelekileyo, inkamnkam nophicotho zincwadi olufunekayo, kungoko ke bonke abathelekisi kufuneka imicimbi yabo yerhafu ime ngendlela kwigunya eliqokelela irhafu (SARS) kunye nokuma ngendlela kwamaqumrhu abo kwiCIPRO.”

Ezizixamali ezingaka ezityalwa ngabathelekisi zabanegalelo elakhokelela ekubeni uBSA ayokungqiba, ecela ukukhongozwa liSebe leZemidlalo, ubuGcisa neNkcubeko ukuze abenakho ukuhlawula imivuzo yabasebenzi phakathi kukaJanyuwari noMatshi kulonyaka.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php