Umlawuli kaBoxing South Africa (BSA) eNtshona Koloni uMzoli Tempi unikwe olunye uxanduva ligunya-bantu elongamele amanqindi kweli. 

Ngaphandle kokuba liliso kumanqindi aseNtshona Koloni, uTempi, onkaba yakhe yawela eBuffalo City Metro eMpuma Koloni, uzakulawula amanqindi eMntla Koloni.

UTempi, owalandela emva komfi u-Andile Klaas njengomlawuli wamanqindi eNtshona Koloni, wasebenza ubusuku nemini esilwa amanani ayephezulu eembethi-manqindi zangaphandle, ezazizininzi kunezoMzantsi Afrika kwiitumente zelaphondo. 

Ukunciphisa inani leembethi-manqindi zangaphandle ligungxuke ukusuka kumashumi amathandathu anesihlanu ekhulwimi ukuyokutsho kumashumi amabini anesithathu ekhulwini yenye yezinto ezibe yimpumelelo kuye.

Kusenjalo, uHloks Ramagole uzakuqhubela phambili nokuphatha eGauteng, eFreystata naseMntla Ntshona. 

UMike Dube usaphethe KwaZulu-Natal, logama u-Oupa Lubisi inguye okhonyayo eMpumalanga naseLimpopo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php