Kukho inguqu encinane njengokuba umlo kaZolisa Batyi wokukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi losiba isihlandlo sesithathu azakuwulwa noYamkela Phaliso uziswe phambili ngeentsuku ezisixhenxe. 

Ekuqaleni, uBatyi wayebekelwe ukuba alwe noPhaliso ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ananye ku-Agasti. Kodwa ngoku lomlo ophakathi kwezimbethi-manqindi zimbini uzakuba ngomhla wamashumi amabini anesine.

“Lutshintshelwe kumhla wamashumi amabini anesine ku-Agasti usuku lomlo. Kodwa ke, akukho nto iguqukileyo ngokweembethi-manqindi ezizakulwa nezi zam,” uqinisekise watsho uBaba ‘Babes’ Makala, omgumlawuli kaBatyi.  

Kwakufanele ukuba uBatyi noPhaliso balwa ngoMatshi, kodwa lomlo lowo awuzange wenzeke. Oko kwenzeka ngenxa yokurhoxa kukaPhaliso emva komonzakalo. UBatyi waphela ekhusela intshinga yakhe kuLucky Hobyane, owamnqumamisa kumjikelo wesibhozo e-Orient Theatre, eMonti.

Kusenjalo, enye imbethi-manqindi kaMakala uLuvuyo Sizani waseLinge kuKomani uzakuqubisana noVuyani Kosana waseFreystata kwintshinga engenamntu yoMzantsi Afrika kudidi lwelight-heavyweight. 

Kwelinye icala, uChumani Tunzi uzakukhusela intshinga yakhe yodidi lwejunior-welterweight eMpuma Koloni xa esilwa no-Aphiwe Mboyiya, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba nejunior-lightweight. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php