Selekuvele ukuba imali etyalwa uBoxing South Africa (BSA) ngabathelekisi abohlukahlukeneyo ayilingani, kwaye abanye bangalihlawula ityala labo lonke ngexesha elinye endaweni yokuhlawula amashumi amathathu ekhulwini njengesiphakamiso sikaBSA. 

Oku kuvezwe nguGqirha Luvuyo Bayeni ngethuba uBSA ebambe ingqungquthela nonoondaba eGarden Court OR Tambo kulempelaveki egqithileyo.  

Okwangoku, bangamashumi amabini anesixhenxe abathelekisi abatyala uBSA isixa-mali esingaphaya kwezigidi ezintandathu kukho nomthelekisi omnye onetyala lemali engaphaya kwezigidi ezimbini. Kwaye, uninzi lwabathelekisi, ukuba ayingabo bonke, abatyala uBSA ngabendlu emnyama. 

“Sibenocweyo olubonakalise imali etyalwayo. Nanjengokuba kukho abatyala imali eninzi, ayingabo bonke abatyala isixa-mali esikhulu,” utshilo uBayeni. 

“Bakhona abathelekisi esicinga ukuba bangalihlawula lonke ityala labo endaweni yokuhlawula amashumi amathathu ekhulwini. Noko umncono wezimali awukho mbi, kwaye ungekho mkhulu kunokuba bekucingeleka.”

UBayeni wongeze ngelithi uBSA uvulelekile kuthethathethwano ukuba abathelekisi banonmnqweno wokwenza oko xa befuna ukwenza amalungiselelo okuhlawula amatyala abo. 

Kwilinge lokudala imeko eyiyo yokusebenza, uBSA uzakuba nocweyo kunye nababandakanyekayo ukususela ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesibhozo kude kube ngeCawa umhla wamashumi amathathu kuJuni. 

“Siqala ngenyathelo elihle. Umxholo othi ‘Let’s Talk’ uthetha kanye lonto. Njengebhodi, sifuna kuthethwe ngokuphandle, yonke into ithiwe thaca etafileni. Siyibhodi siyakwamkela ukohlukahlukana kwethu,” uqhube watsho uBayeni. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php