Emva kokudlala kakuhle kakhulu, umdlali wasemva kwiiLions uSanele Somi Nohamba uphumelele iwonga lokuba ngumdlali ophambili kwi-United Rugby Championship yesizini ka-2023/24. 

UNohamba, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, uphumelele iwonga le-2023/24 Player of the Season apho ebekhuphisana nesibini seeBulls uKurt-Lee Arendse noCameron Hanekom. 

Lenzalelwane yaseDikeni ize namanqaku alikhulu elineshumi elinesixhenxe ewonke, oko kuquka ukulala emgceni kabini, iquza lakhe laqabelisa izihlandlo ezingamashumi amathathu ananye, nokuqabelisa kalishumi iibhola ezisuka echaphazeni kunye nempundulu. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php