Iimbethi-manqindi ezineempepha zokulwa nezingenazo ezimane ziyokulwa ngaphandle kwemida yeli ziyayixhalabisa iBoxing South Africa (BSA).   

Kulenyanga ephelileyo, injinga yamhlamnene eMzantsi Afrika nasehlabathini uNkosinathi ‘Mabhere’ Joyi uthe nyubelele wayokulwa no-Abeid Zugo ogama lokuzalwa lingu-Abeid Kessy Kassongo eTanzania nangona engenawo amaphepha kaBSA. 

UZugo yilambethi-manqindi eyabetha uSimphiwe ‘V12’ Vetyeka eTanzania ngoDisemba wonyaka ophelileyo. UVetyeka, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika nehlabathi, wayenamaphepha okuba ngumqeqeshi ngaphantsi kukaBSA ngelixesha wayesilwa noZugo. 

“Ndibhale incwadi engqongqo ndayithumela kunobhala-jikelele weTanzanian Federation uGeorge Silasi,” utshilo uMandla Ntlanganiso, oyingqonyela ebambeleyo kwaBSA. 

“Sele siqalisile ukunxibelelana nemibutho ephethe amanqindi kumazwe ase-Afrika. Sithethile nabaseZimbabwe, sele sithethile nabaseNamibia. Sele kumbovu sithethe nayo yonke imibutho esebenzayo. Injongo yethu kukubanobudlelwane apha e-Afrika.”  

Kungekudala, owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-middleweight nolwemiddleweight uNkululeko Mhlongo walwa e-Albania. UMhlongo, owalwa esebenzisa amaphepha eFederation of Congolese Boxing of the Democratic Republic of Congo, wanqunyanyiswa nguSenad Drini kumjikelo wesine.

Kusenjalo, ilungu lebhodi kaBSA uNande Mheshe wonyulwe njengosihlalo wenkqubo ebizwa Women In Boxing, eyayisakuchotshelwa nguZandile Kabini.

UKabini walahla kwibhodi kaBSA ngo-Agasti 2022, yaze indawo yakhe yavalwa nguKhulile Radu ngo-Okthobha waloonyaka. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php