Umdlalo omhle kaQuinton de Kock, oqhokre imitsi engamashumi asixhenxe anesine ejamelene neebhola ezingamashumi amane, zincede iiProteas zabetha iMelika ngemitsi elishumi elinesibhozo kumdlalo weNdebe yeHlabathi yeT20 eSir Vivian Richards Stadium, e-Antigua, ngokuhlwa kwangoLwesithathu, ngokwexesha loMzantsi Afrika.
UDe Kock uncediswe ngu-Aiden Markram, obethe imitsi engamashumi amane anesithandathu kwiibhola ezingamashumi amathathu anesibini, njengokuba iiProteas ziyokuthi finini kwimitsi elikhulu elinamashumi alithoba anesine kuwe oothinti abane kwi-overs ezingamashumi amabini.
IMelika iphendule ngokuqhokra imitsi elikhulu elinamashumi asixhenxe anesithandathu kuwe oothinti abathandathu kwii-overs ezingamashumi amabini.
U-Andries Gous uwusebenzise kakuhle umngcunube wakhe, ebetha i-apile laseJava, weza nemitsi engamashumi asibhozo kwiibhola ezingamashumi amane anesixhenxe.
Kusenjalo, ibowler etshawuzayo kwiiProteas uKagiso Rabada uthabathe oothinti abathathu kubethwe imitsi elishumi elinesibhozo.