Ukulwa nodubul’egeqa kude nekhaya kufuna ukuba umntu omelele ngokwasengqondweni, kwaye ufanelwe lilo lonke ithamsanqa anokulifumana, yiyo lonto uBoxing South Africa (BSA) enqwenelela uWasim Chellan okuhle kodwa ngaphambi komlo wakhe wangoMgqibelo.  

UChellan ungquzulana no-Adel El Garmaoui, owanqumamise osixhenxe amadoda abesandula ukulwa nawo, eHochlandhalle kwelaseJamani. Ezimbethi-manqindi zimbini zilwela iintshinga ezimbini, eye-IBO International neyeWorld Boxing Federation (WBF) International kudidi lwewelterweight. 

“UBoxing SA uthumela iminqweno emihle kuWasim Chellan njengokuba ezakucondoba eqongeni kumlo wentshinga ye-IBO International kudidi lwewelterweight kwelaseJamani,” utshilo uBSA. 

“Ulapha kulendawo ngenxa yokusebenza kwakho nzima, ukuzinikela kwakho nothando lwakho. Qul’uye, ubonise ihlabathi into obhinqe ngayo. Siyakuxhasa, sikunqwenelela amathamsanqa, ntshatsheli.”

UChellan, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, uyiphumelele yonke imilo yakhe esibhozo, enqumamise amadoda amathathu. Uya kulomlo emva kokubetha uDenis Mwale waseMalawi eGoodwood Prison ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo. 

Ngakwelinye icala, u-El Garmaoui waseBayern kwelaseJamani, oneminyaka engamashumi amathathu ananye nongekabethwa, unqumamise amadoda alithoba kulawo alishumi elinambini awabethileyo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php