Ukudumba kumlenze wasekhohlo kuvimbe uMzuvukile ‘Old Bones’ Magwaza ithuba lokucela umngeni kwinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwefeatherweight uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu.  

Lenzalelwane yaseDuncan Village ibizakucela umngeni kuMahlangu kwitumente yeDavid Faas Productions e-OR Tambo Hall eSite C, eKhayelitsha, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuJulayi.  

“Awusekho umlo. Uyakhumbula ukuba wayedutyuliwe, kwaye lamlenze uyamkhathaza ngoku, akakwazi nokuziqeqesha,” utshilo uMichael Mouneimne, ongumqeqeshi kaMagwaza.

“Akakaziqeqeshi ukususela kulenyanga ephelileyo. Udinga ixesha ukuze achache, abenokukwazi ukubuyela ekuziqeqesheni. Kodwa ke, andiyazi ukuba uzakuhlala ixesha elingakanani na ngaphambi kokubuyela ekuziqeqesheni. 

“Kungenzeka ukuba uzakuhlala iiveki ezintathu ukuya kwezine engaziqeqeshi, lonto ixhomekeke ekubeni ukudumba kuyathotha na. Imbi lemeko. Ngethemba lokokuba uzakuchacha msinyane ukuze azokulwa ekuthambekeni kwalonyaka.”

UMagwaza wadutyulwa emlenzeni zizihange ezaziphanga kwikhaya lakhe eSite C, eKhayelitsha, ekuqaleni kuka-2018. Wachacha emva koko, waze wabuyela emanqindini ngokunqumamisa uSanele Maduna kumjikelo wesibini ngo-Epreli 2022. 

Kwathi ke emva koko, uMagwaza wabethwa okokuqala ngethuba esilwa noSabelo Ngebiyana. Kodwa wayilungisa lonto ngokubetha uNasiphi Mdlangazi kumlo wakhe olandelayo. 

Emva koko uMagwaza wabethwa nguBryan Mercado Vasquez waseMexico eMexico ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php