Ebengenalo nethontsi lombilo uSimangele ‘Smash’ Hadebe emva kokunqumamisa uJesca Mfinanga kumjikelo wokuqala eKibler Park Recreation Centre, eRhawutini, ngokuhlwa kwangoMgqibelo.
Ngokwenza njalo, uHadebe uye wayikhusela ngempumelelo intshinga yakhe ye-African Boxing Union (ABU) kudidi lwempukane kwicandelo labasetyhini nangona nje ebengakhange alwe isithuba esingaphaya konyaka
Ibisisihlandlo sesibini uHadebe intshinga yakhe njengokuba wabetha uStumai Muki Paulo waseTanzania ngo-Agasti 2022. UHadebe, oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane kwicandelo labasetyhini, waphumelela lentshinga ye-ABU emva kokubetha uHalima Vunjabei waseRanzania ngoFebruwari 2022.
Kusenjalo, imbethi-manqindi yaseZimbabwe engekabethwa uMonica Mkandla uphumelele intshinga ye-ABU SADC kudidi lwejunior-featherweight kwicandelo labasetyhini enqumamisa u-Egine Kayange waseTanzania kumjikelo wesine, waze ngaloondlela wabe uyiphumelele yomithandathu imilo yakhe.
Kwelinye icala, u-Amzolele Dyeyi ubuye kakubi emva kokungqengqa kumjikelo wokuqala, enqumamisa uJudas Sithole kunjikelo wesine.