Eyona mbethi-manqindi yoMzantsi Afrika elwa rhoqo neyakhe yabayintshatsheli yehlabathi uXolisani ‘Nomeva’ Ndongeni uzakubasendleleni kwakhona njengokuba ezakulwa okwesine kulonyaka. 

Lentshatsheli yamhlamnene eMzantsi Afrika nakwi-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwelightweight izakulwa nommi wase-Argentine ongekabethwa u-Alan Abel Chaves e-Estadio F.A.B, eBuenos Aires, kwelase-Argentina ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini kuJulayi (ngeCawa umhla wamashumi amabini amanye ngokwexesha loMzantsi Afrika). 

“Okwangoku andikaqiniseki ngemini endizakuhamba ngayo,” utshilo uNdongeni, osele eneveki eziqeqesha eMonti. 

Izakuba sisihlandlo sesine lenzalelwane yaKwaBhaca isilwa nembethi-manqindi engekabethwa ukususela ngoJulayi wonyaka ophelileyo. UNdongeni walwa noRaymond Muratalla, u-Arnold Barboza Junior no-Ernesto Mercado, bonke abakabethwa. 

Kulonyaka, uNdongeni uphumelele kanye ngethuba enqumamisa uCrispin Moliati waseMalawi kumjikelo wokuqala, waze wabethwa nguMuratalla noBarboza Junior.  

Kusenjalo, inxele lakwaChaves, elineminyaka engamashumi amabini anesithathu elinkaba yalo yawela eSan Miguel kwintloko dolophu iBuenos Aires, lanqumamisa amadoda alishumi elinesine kwalishumi elinesithandathu elawabethayo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php