Indoda ephantse ukulibaleka emanqindini aseMzantsi Afrika neyayiyintshatsheli yehlabathi uGideon ‘Hardcore’ Buthelezi waseVaal uzakubuyela eqongeni emva kweminyaka emibini.

UButhelezi uzakulwa noTinashe Mahashe kumlo weWorld Boxing Federation (WBF) Intercontinental kudiid lwejunior-bantamweight e-OR Tambo Hall eSite C, eKhayelitsha, eKapa ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuJulayi. 

UButhelezi, owayeyinjinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lweminimumweight nolwejunior-bantamweight, akakalwi kususela mhla wanqunyanyiswa kumjikelo wokuqala nguDave Apolinario wasePhilippines ngoJulayi 2022. Ezimbethi-manqindi zimbini zazilwela intshinga ye-IBO kudidi losiba.  

“Ndiyalwa kulenyanga ezayo. Intle into yokokuba ndizakulwa kwakhona. Besele kukudala ndingasalwi. Ndiwungxamele kakhulu lomlo,” utshilo uButhelezi, oqeqeshwa nguSandile Mahlangu.  

UButhelezi uthi ufuna ukulandela emanyathelweni womkhaya wakhe eBoipatong uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu, osalwayo nangona ezakufinca iminyaka engamashumi amane anesihlanu. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php