Omnye wamagqwetha aphambili eMzantsi Afrika, u-Advocate Tembeka Ngcukaitobi, wonyulwe yiConfederation of African Football (CAF) ukuba abekwigqiza lekomiti ezimeleyo enamadoda amathathu aphanda iSouth African Football Association (SAFA) nomongameli wayo uDanny Jordaan.

Nangona nje engathiwanga pahaha amanye amagama aphanda kunye noNgcukaitobi, i-Ink Sport ifumanise ukuba elinye ilungu lalekomiti lisuka eNtshona Afrika, logama elinye lilesaseYurophu. Ink Sport ingaphinda idize ukuba iSAFA iyifumene kulenyanga ephelileyo imbalelwano esuka kwiCAF malunga noluphando.

Oluphando luzakugxila kugqogqo lwaseSAFA House ngoMatshi kulonyaka, olwalusenziwa libutho looKhetshe eliphanda amatyala anobuzaza. OoKhetshe bathabatha amaxwebhu nezinye izinto njengokuba babephanda ubuqhophololo nobusela obufikelela kwisixa-mali esisigidi esinamakhulu amathathu amawaka.  

Ezizityholo zaqandusela emva kwezenzo zaphakathi ko-2014 no-2018 ngethuba kutyholwa ukuba uJordaan wasebenzisa iziseko zeSAFA ukwenzela inzuzo yakhe. Oku kuquka ukuqeshwa kwequmrhu loonogada babucala ukuba bamkhusele kwakunye nokuqesha iqumrhu lezonxibelelwano engagunyaziswanga liqoqo likazwelonke kwiSAFA. 

Emva kogqogqo looKhetshe eSAFA House, iCAF yacela kwiSAFA ukuba idlulisele kuyo amaxwebhu athile njengokuba yayifuna ukuphanda nzulu ngezizityholo. Ngoku iCAF ibuyile, yasungula uphando ngakwezizityholo. 

Eyona nto ephambili kwiCAF kukugcina isidima sayo kunye nolawulo olungenachaphaza kwibhola ekhatywayo kwilizwekazi i-Afrika. UNgcukaitobi negqiza lakhe bazakukhangela ukuba ayophulwanga na imithetho nemigqalisela yeCAF neyeFIFA yiSAFA noJordaan.

“Enkosi ngokubuza. Iyimfihlo yonke imbalelwano yethu neCAF, kwaye asiyixoxi namajelo eendaba,” itshilo iSAFA ngethuba iphendula imibuzo ebithunyelwe yi-Ink Sport ngoLwesithathu.

Kutsha nje uphando lweCAF beluyinxalenye yemiba ebixoxwa yikomiti kazwelonke yeSAFA ngaphambi komdlalo weBafana Bafana neZimbabwe eBloemfontein. 

Kwaye ke akucaci ukuba yeyiphi indlela ezakuthatyathwa yiSAFA kuba lombutho ngowesibini kwiCAF ukuphandwa njengokuba kwabhengezwa esidlangalaleni ukuphandwa komongameli weFECAFOOT negqala laseCameroon uSamuel Eto’o. 

Kodwa kunjalo, akukacaci nokokuba kusetyenziswa okanye kuzakusetyenziswa inkqubo efanayo na kwiSAFA noJordaan. 

Kusenjalo, uNgcukaitobi akamtshanga kwimicimbi yebhola ekhatywayo njengokuba ekwiqela lamagqwetha amele iMT Sports Management noPitso Mosimane kwityala elifakwe yiMamelodi Sundowns nelichotshelwe nguJudge Shaanaz Mai kwiNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Gauteng, eRhawutini.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php