URicardo Malajika uzakukhusela intshinga yakhe ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-bantamweight xa esilwa noYanga ‘Showtime’ Sigqibo e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesithathu ku-Agasti.
UMalajika, oqeqeshwa nguManny Fernandes, uzakube ekhusela intshinga yakhe isihlandlo sesibini kususela ukuba wayiphumelela ngokubetha imbethi-manqindi yase-Argentina uKevin Luis Munoz ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo.
Lomfana oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu walwa kakuhle kakhulu ngethuba ebetha uMarcel Braithwaite wase-United Kingdom kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini.
Kwelinye icala, uSigqibo, owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight nophuma eDuncan Village, eMonti, ubekwa kwindawo yeshumi elinanye kuluhlu lwe-IBO aphinde abekwindawo yeshumi elinesibini kwiWorld Boxing Council (WBC).
Kusenjalo, uBrandon Thysse uzakulwa noNkhensahosi Makondo kwintshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwejunior-middleweight, logama uChris Thompson ezakulwa okokuqala kudidi lwebridgerweight xa equbisana no-Alexandru Jur waseRomania kwimijikelo esibhozo.