Emva kokubethwa kwimilo emibini elandelelanayo, owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika izihlandlo ezimbini uSiphamandla ‘Toytoy’ Baleni ugqibe kwelokokuba alwe kudidi lwejunior-flyweight ukususela ngoku ukubheka phambili. 

UBaleni, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight nolwejunior-flyweight, ubethwe ngummi waseZimbabwe nongekabethwa uBeaven Sibanda e-Emperor’s Palace, eKempton Park, phantse kwiiveki ezimbini ezigqithileyo.

Ibisisihlandlo sesibini ngokulandelelana uBaleni, owazalelwa eMthatha, ebethwa nanjengokuba wayebethwe nguHasanboy Dusmatov wase-Uzbekistan kumlo wabo owawuseRussia ngoNovemba wonyaka ophelileyo. 

“Uzakulwa kudidi lwejunior-flyweight ngoku,” uqinisekise watsho uThembelani ‘Shakes’ Hlombe, ongumlawuli kaBaleni. 

UBaleni, obekwa kwindawo yeshumi elinesine kwiWorld Boxing Council (WBC), wehla waphinda waphumela ngaphandle kumanqwanqwa ehlabathi emva kokubethwa nguDusmatov.  

Wayebekwa kwindawo yethoba kwiWBC nakwiWorld Boxing Organisation (WBO), logama wayekwindawo yesibhozo kwi-International Boxing Federation (IBF) ngaphambi komlo noDusmatov. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php