I-India iphumelele indebe yayo yokuqala kwi-ICC emva kweminyaka elishumi elinesine njengokuba ibethe iiProteas ngemitsi esixhenxe kumdlalo wamagqibelakaNkqoyi eKensington Oval, eBarbados, ngokuhlwa kwangoMgqibelo, ngokwexesha loMzantsi Afrika.

AmaNdiya aphumelele itoss, aze akhetha ukuqhokra kuqala abetha imitsi elikhulu elinamashumi asixhenxe anesithandathu kuwe oothinti abasixhenxe. Kuye kwafuneka ukuba uMzantsi Afrika uqhokre imitsi elikhulu namashumi asixhenxe anesixhenxe ukuze uphumelele lomdlalo.

IiProteas ziyokuthi finini kwimitsi elikhulu elinamashumi amathandathu anethoba kuwe oothinti abasibhozo kumdlalo ebekukhe kwabonakala ngathi zizakuwuphumelela ingakumbi ngexesha bezifuna imitsi engamashumi amathathu kwiibhola ezingamashumi amathathu.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php