Kumlo obunokuphunyelelwa nangubani na, uLandile ‘Man Down’ Ngxeke ume kwema ngaye ebetha uJerald Paclar wasePhilippines e-Orient Theatre, eMonti, emva kwemini ngeCawa.
Kulandela imvula yamanqindi ebesitsho ngapha nangapha, inqindi lasekhohlo lentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwentambanani uNgxeke limbethe wawa uPaclar kumjikelo wesithathu. Usompempe uSiphiwo Mbini uye wawuphelisa umlo kumzuzu nemizuzwana engamashumi amane anesixhenxe.
Umlingane kaNgxeke, uGingqi oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight unqumamise uJufel Salina wasePhilippines kumjikelo wesihlanu.
Ezinye iziphumo:
U-Avuyile Soga ubethe uThobela Khuhlani wanqandelwa kumjikelo wesibini
U-Lindokuhle Khuzwayo ubethe uSonwabile Marenene ngamanqaku
UMoyisi Booi ubethe uLebogang Pilane wanqandelwa kumjikelo wokuqala
UTiisetso Matikinca ubethe uSanele Maduna wanqandelwa kumjikelo wesithathu
USiyabulela Hem unqumamise uLihle Gingxana kumjikelo wesithathu
USiseko Teyisi ubethe uRofhiwa Maphupha wanqandelwa kumjikelo wokuqala