Month: June 2024

IBAFANA IBAMBENE NEESUPER EAGLES

IBafana Bafana ibambene ngenqaku elinye macala neeNigerian Super Eagles kumdlalo wemfezeko weNdebe yoMhlaba ka-2026 eGodswill Akpabio Stadium e-Uyo kwelaseNigeria ngokuhlwa kwangoLwesihlanu. UThemba Zwane ubeke iBafana endaweni entle ngethuba ethumela ibhola…

UKOOPMAN UNYEKE UKUQHUBELA PHAMBILI NOKUNGABETHWA 

Umnqweno wokuqhubela phambili nokuphumelela nguwo okhuthaza uShervantaigh Koopman njengokuba ezakulwa noWendy Toussaint waseMelika ngoMgqibelo kuleveki ezayo. Engekabethwa kwimilo elishumi elinesithathu, uKoopman uzakuvana amandla noToussaint kumlo wentshinga ye-International Boxing Organisation-Intercontinental kudidi…

U-ERASMUS NAMAHLAKANI AKHE BAKHULULIWE YIPIRATES

I-Orlando Pirates ivakalise ngoLwesihlanu emva kwemini ukuba imkhulule uKermit Erasmus, owayesakudlalela iBafana Bafana, njengokuba inkonzo yakhe ingasafuneki kweliqela. Lenzalelwane yaseGqeberha, ezakufinca iminyaka engamashumi amathathu anesine kulenyanga ezayo, ayikhange ifumane thuba…

UBONGCO UFUDUKELE KUNATHAN NOSTRYDOM  

Sele kukho enye imbethi-manqindi yaseMonti ezibandakanye noColin ‘Nomakanjani’ Nathan njengokuba uSimnikiwe Bongco, owayetshatshele kudidi lwabangahlawulwayo, engaphantsi kolawulo lweNO DOUBT Managament, ezakuqeqeshwa nguShannon Strydom. Lenzalelwane yaseDuncan Village ayikalwi kudidi lwabahlawulwayo kususela…

IICITIZENS ZIKHULULE ABADLALI

ICape Town City ibhengeze kusasa ngoLwesine ukuba ithabathe isigqibo sokukhulula abadlali abahlanu abangekhoyo kwiinjongo zayo ukubheka phambili. UThabiso Kutumela, owafika kwiiCitizens ebolekwe kwiintshatsheli zeDStv Premiership iMamelodi Sundowns, ukhululwe leliqela laseKapa.…

css.php