Sele kukho enye imbethi-manqindi yaseMonti ezibandakanye noColin ‘Nomakanjani’ Nathan njengokuba uSimnikiwe Bongco, owayetshatshele kudidi lwabangahlawulwayo, engaphantsi kolawulo lweNO DOUBT Managament, ezakuqeqeshwa nguShannon Strydom.

Lenzalelwane yaseDuncan Village ayikalwi kudidi lwabahlawulwayo kususela yakhulula ivesti yayo ngoMatshi. UBongco wayenguPhopho kudidi lwabangahlawulwayo, eqokelela imbasa emva kwembasa, kwaye kucingeleka ukuba uzakuba yinto ngobunto bayo emanqindini oMzantsi Afrika.

“Izinto ziguqukile. Indlela endenza ngayo ngoku yohluke kakhulu kwindlela ebendisenza ngayo ngaphambili. Ngethuba uSiminikiwe ecela intlanganiso kum e-ofisini yam, ndayicacisa ukuba ndifuna ubudlelwane noMzamo (Njekanye) ngenxa yembali phakathi kwethu. Kodwa ke ngoku singabahlobo,” utshilo uNathan. 

“Ndithethe neBoxing 5 noChief, kwaye ngoku sinesivumelwano sorhwebo esibhalwe phantsi, satyikitywa sithi sobathathu. Esi sisivumelwano seminyaka emibini ngokwesivumelwano esityikitywe nguBongco.” 

Kusenjalo, lomfana oneminyaka engamashumi amabini anesibini, uzakulwa okokuqala kudidi lwabahlawulwayo xa esilwa kwitumente yeBoxing5 ngoMgqibelo umhla weshumi elinesithathu. 

UMzamo Njekanye, obeqeqesha uBongco, uzakuqhubela phambili eyinxalenye kwikhondo lalembethi-manqindi njengokuba naye ebandakanyiwe kwesisivumelwano ngokokutsho kukaNathan. UNjekanye uzakuncuma kakhulu kuba inxili yakhe iyakufuma rhoqo lembethi-manqindi yaseDuncan Village isilwa. 

“Umfana wam ufudukele eRhawutini, eyokuqeqeshwa kwindawo azikhethele yona. Akukho ngxaki ingakumbi xa sigxila kwisigqibo sethu, kwaye andinangxaki nesisivumelwano,” utshilo uNjekanye. – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php