Ngumlo ozakube udibanisa iimbethi-manqindi ezimbini nezingekabethwa xa u-Olwethu Mkhathala, ozinze eStellenbosch, ecela umngeni kwinjinga yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwemini-flyweight, uTyla Promnick, kulenyanga ezayo.
Ezimbethi-manqindi zimbini zizakuvana amandla kwitumente yeGolden Gloves Foundation nebizwa ShayaThursday e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoLwesine umhla wamashumi amabini anesithandathu kuNovemba.
Ebekwa kwindawo yokuqala eMzantsi Afrika, uMkhathala, omvelaphi yakhe iseMthatha, eMpuma Koloni, uqale ukulwa kudidi lwabahlawulwayo ngo-Epreli kulonyaka ophelileyo, kwaye sele eyiphumelele yomine imilo yakhe, enqumamise usisi omnye.
“Lomlo uthetha lukhulu kuthi njengokuba sele kumbovu ukuba senze imbali kuluntu lwendawo yethu. Sifuna u-Olwethu abeyimbethi-manqindi yokuqala kuluntu lwethu ukuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika,” utshilo uXolisani Thembani, ongumqeqeshi kaMkhathala.
“Lento ingaphezu kwamanqindi, kwaye sizimisele ukulisebenzisa elithuba. Lento yonke inento yokwenza nokubonisa abantu abatsha kuluntu lwethu ukuba ukusebenza nzima, ukuba nesimilo nokuziphatha kakuhle kunye nokuxhaswa ngendlela eyiyo kungamenza umntu aphumelele izinto ezinkulu nezintle.”
UThembani, onkaba yakhe iseDuncan Village KuGompo City, kunye noMkhathala sele beneminyaka esixhenxe besebenza kunye eStellenbosch kummandla weCape Winelands.
“Uhambo lwethu no-Olwethu lwaqala ngexesha elinye ngethuba ndandisungula ikhaya lamanqindi ngo-2019. Sisoloko siyinxalenye ekwenzeni imbali izihlandlo eziliqela. Siphumelele izinto ezininzi kunye kuquka iimbasa zoMzantsi Afrika zegolide ezimbini. Ngo-2025 sathabatha isigqibo sokokuba angene kudidi lwabahlawulwayo,” utshilo uThembani.
UMkhathala, onomlawuli onguLonwabo Witbooi, akakalwi ukususela mhla wabetha ummi waseBotswana, uJennifer Sechi, eWelkom ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.
Kusenjalo, uPromnick, oyiphumelele yomithandathu imilo yakhe, enqumamise oosisi abathathu, uzakube eyikhusela okokuqala lentshinga yakhe nawayiphumelela ngethuba ebetha uThobela Nyanda ngamanqaku ngoMeyi.
UPromnick, oqeqeshwa ngu-Alan Toweel, sele elwe kabini kulonyaka. Ubethe uYonelisa Poni ngoFebruwari, waphinda wabetha uNyanda. – Monwabisi Jimlongo