Nangona engaqinisekanga ngento ezakwenzeka kwintshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwentambanani, injongo kaLandile ‘Man Down’ Ngxeke kukunyuka kumanqwanqwa emibutho emine yamanqindi ehlabathini jikelele. 

UNgxeke unqumamise ummi wasePhilippines uJerald Paclar kumjikelo wesithathu e-Orient Theatre, eMonti, ngeCawa.

“Ndivuya kakhulu njengokuba ndiwuphumelele umlo. Yonke into ihambe kakuhle. Bendiwulunge lomlo, kwaye bendisazi ukuba soze siwugqibe,” utshilo uNgxeke. 

Ephefumla malunga nentshinga yakhe yoMzantsi Afrika awayiphumelela ngoDisemba, uNgxeke uthe: “Andiqinisekanga nokokuba ndizakuyikhusela kusini na intshinga yam. Kodwa, yonke into ixhomekeke kwiqela endisebenza nalo.”

Okwangoku, uNgxeke ukwindawo yeshumi elinesine kwiWorld Boxing Council (WBC), indawo yeshumi elinesibini kwi-International Boxing Federation (IBF) najwinsawo yesithandathu kwiWorld Boxing Organisation (WBO)

UNgxeke waseSada kwiChris Hani District, oneminyaka engamashumi amabini anethoba, uphumelele imilo elishumi elinesine, enqumamise amadoda amathandathu, ebethwe kanye, waze wabambana kumlo omnye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php