Emva kokushiya iimbethi-manqindi zaseTanzania uJesca Mfinanga no-Egine Kayange kwesinomhlwa, umnikazi weFantastic 2 Boxing Promotions u-Elias Tshabalala uphinde wavela sele ebeka ityala ‘kubaxhasi’ bakhe athi bamphoxile.

UTshabalala, ongakhange afumaneke emnxebeni ukususela emva kwemini ngoLwesihlanu kwade kwayintsasa yangoMvulo, uphinde wagxeka nomnxeba wakhe ‘obunengxaki’, into ebangele ukuba angakwazi ukulungiselela uMfinanga noKayange ngemali yabo emva kokubethwa kwimilo yabo ye-African Boxing Union (ABU) kwisithuba esingaphaya kweveki.  

UMfinanga ubethwe yintshatsheli ye-ABU kudidi lwempukane kwicandelo labasetyhini uSimangele Hadebe, logama yena uKayange ebethwe nguMonica Mkandla waseZimbabwe. Ngoku ezimbethi-manqindi zaseTanzania zihlala kwizindlu zonozakuzaku waseTanzania ePitoli.  

“Umnxeba wam uye wanengxaki emva kwemini ngoLwesihlanu, yiyo lonto bendingafumaneki. Ndiphoxwe ngabantu ababevumile ukuxhasa itumente yam. Yonke lonto ndiyicacisile kwiimbethi-manqindi emva kwetumente nangosuku olulandelayo. Kwaye bayiqonda ingxaki endandikuyo,” utshilo uTshabalala.

“AmaTanzania bekufanele ukuba agoduke ngomhla wamashumi amabini anesine kuJuni, bashiywa yinqwelo-moya kuba babengavumi ukuhamba bengahlawulwanga nangona nje ndandibaxelele ukuba imali ndizakuyithumela kwiTanzanian Commission. Ngoku ndithethathethana nelinye iqumrhu ngethemba lokokuba lizakundincedisa ekuhlawuleni iimbethi-manqindi.”

Kusenjalo, u-Innocent Evarist udize ukuba obambele njengomqondisi wezabasebenzi kwaBoxing South Africa (BSA) uMncedisi Ngqumba ebebatyelele ngoMvulo.  

U-Evarist, ongumthelekisi waseTanzania obeze nezimbethi-manqindi, uthethe wathi: “Azikho iindaba ezimnandi nangona uMnumzana uNgqumba wakwaBSA ebesityelele ngoMvulo ethembisa ngokusithengela amatikiti okubuyela ekhaya. Asisoze sihambe, sishiye imali yethu ngemva.” 

U-Evarist wongeze ngelithi: “U-Elias usitsalele umnxeba esithi umnxeba wakhe ubunengxaki, yiyo lonto ubucimile. Ndimxelele ukuba makahambe ayokuthetha noBSA. Asifuni ukuthetha naye thina. Sifuna imali yethu qha.” – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php