Kubonakala ngathi ayikho into engathintela iCape Town City ukuba iqhubele phambili nokutyikitya abadlali njengokuba yongeze umdlali wasemva uSibusiso Ziba kweliqela ngoLwesithathu kusasa.

UZiba, obedlalela iJDR Stars, uzibandakanye neeCitizens etyikitya isivumelwano seminyaka emine, kwaye ungumdlali wesixhenxe ukutyikitya neliqela kutsha nje. 

“Eliqela lichwayitile kukubhengeza ukutyikitya umdlali wasemva woMzantsi Afrika uSibusiso Ziba,” zitshilo iiCitizens. 

Umqeqeshi weeCitizens u-Eric Tinkler uthethe wathi: “UZiba ngumdlali wasembindini emva ebekukudala simlandela. Ungumdlali wasemva odlala kwindawo yonke, kwaye udlale kakuhle kulesizini ephelileyo. Mhle ebholeni, uyakwazi nokuhlasela. Ngoko ke, ungumdlali omhle owongezwe kweliqela ngendlela endicinga ngayo.” 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php