Usecicini lokungabikho umlo wentshinga yosiba eMzantsi Afrika nekusele kukudala ulindelwe phakathi kwentshatsheli uZolisa Batyi nomcelimngeni uYamkela Phaliso. 

Oku kulandela emva kokuba uBatyi nabalawuli bakhe besilele ukufika kwisivumelwano nomnikazi weKay B Boxing Promotions uMzi Booi, obezakwenza lomlo. 

“Kukho inguqu ekhoyo malunga nomlo kaBatyi. Asikwazanga ukufikelela kwivusimelwano malunga nemali emakayihlawulwe. Ndiye ndabapha ithuba lokuyokucinga ngalemali endandibanika yona. Kodwa asizange sivumelane nasemva koko,” uqinisekise watsho uBooi. 

UMlandeli Tengimfene, ongumlawuli kaPhaliso, uthethe wenjenje ngethuba encokola ne-Ink Sport: “Ndaxelelwa ukuba iingxoxo nentshatsheli azizange zihambe kakuhle, kwaye waxelelwa noBoxing South Africa (BSA). 

“NjengeLast Born Boxing Promotions, thina umdla wethu ukwimbethi-manqindi yethu uPhaliso. Sele ndimbhalele uBSA ndicela ukuba makavuselele ithuba lefandesi. Ndikhusela umdla wembethi-manqindi yam apha.” 

Ethetha, umlawuli nomqeqeshi kaBatyi, uBaba ‘Babes’ Makala uthe: “Sixakekile, silungiselela umlo njengokuba siphinde saqalisa iingxoxo nomthelekisi.” – Monwabisi Jimlongo

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php