Intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight uNtethelelo Nkosi uzakulwa noSanele Msimang kumlo othelekisa iimbethi-manqindi zaKwaZulu-Natal, mlo lowo obubekelwe lenyanga ezayo nosele ubekelwe u-Okthobha ngoku.
Ezindaba zintsha ngalomlo zidizwe ngusomaqhuzu kwiGolden Gloves uRodney Berman.
“Ndizakuwenza ngo-Okthobha endaweni kokuwenza ngo-Agasti lomlo. Ndiye ndanyanzeleka ukuba ndiwuse ku-Okthobha kuba ndinemilo emininzi kulenyanga ezayo,” utshilo uBerman.
UNkosi, oyinzalelwane yaseMtubatuba noqeqeshwa nguDamien Durandt eRhawutini, uzakube ekhusela intshinga yakhe okokuqala kususela mhla wayiphumelela ngokunqumamisa uPrince Dlomo kumjikelo wethoba ngoNovemba kulonyaka ophelileyo.
Kusenjalo, itumente yalenyanga ezayo izakuba nomlo ophambili phakathi kwenjinga ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-bantamweight uRicardo Malajika nomcelimngeni uYanga Sigqibo.
UMalajika uzakube ekhusela intshinga yakhe okwesibini njengokuba wayiphumelela ngokubetha ummi wase-Argentina uKevin Luis Munoz ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo. UMalajika ubethe uMarcel Braithwaite wase-United Kingdom kwiinyanga ezintathu ezigqithileyo. – Monwabisi Jimlongo