Uzakuqhubela phambili njengokuba bekucetyiwe umlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba phakathi kwenjinga ekhuselayo uZolisa Batyi nomcelimngeni uYamkela Phaliso kulenyanga ezayo. 

Oku kuqandusele emva kokuba uBatyi nabaphathi bakhe beyamkele imali abayinikwa ngusomaqhuzu weKay B Boxing Promotions uMzi Booi, ozakwenza lomlo ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesine ku-Agasti. 

UBatyi wasEluxolweni, eNxarhuni, uzakukhusela intshinga yakhe isihlandlo sesithathu kususela mhla wayiphumelela ngokunqumamisa uJeff Magagane kumjikelo wesibini eSeshego, ePolokwane, ngoDisemba 2022. 

Kusenjalo, lomlo kaBatyi noPhaliso ayisenguwo umlo ophambili kuletumente ezakubanjelwa e-Orient Theatre, eMonti. 

Endaweni yoko, umlo ophambili uzakube uphakathi kwenjinga yamhlamnene kudidi losiba eMzantsi Afrika nowakhe walwela intshinga yehlabathi u-Azinga ‘Golden Boy’ Fuzile kunye nembethi-manqindi yaseMexico okanye eyasePhilippines. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php